IXESHA lokuhlala kwendlela yetha kuqikelelwa kwiminyaka engama-20 ukuya kweyi-25, emva koko kufuneka iphinde yakhiwe.

Ukuze indlela ikwazi ukuyihlala yonke leminyaka kukwafuneka ukuba imana igalelwa udaka olutsha rhoqo ngeminyaka esixhenxe.

“Iindlela ezininzi eKouga zingaphezu kweminyaka engama-25 ubudala kwaye azizange zigalelwe udaka olutsha,” utshilo uSomlomo waseKouga uHattingh Bornman, obenoSodolophu uHoratio Hendricks ekuhloleli eli phulo lolungiso lweendlela.

“Oku kuthetha ukuba lonke uthungelwano lweendlela kufuneka lwakhiwe ngokutsha, kwaye ukungcitywa kwemingxuma ezindleleni sisisombululo sethutyana kwingxaki enkulu kakhulu.”

Uthe ukufumana imali yokulungisa iindlela ngaphandle kubalulekile.

“Kuxabisa malunga neR4,5 yezigidi ukwakha ikhilomitha enye yendlela.

“Umasipala akanalo uhlahlo-lwabiwo-mali lokwakha lonke olu thungelwano ngokutsha.

“Ngoko ke sisajonga zonke iindlela zokufumana imali yokuza nesisombululo sexesha elide kule ngxaki yeendlela zaseKouga,” utshilo.

You need to be Logged In to leave a comment.